Isingeniso
Siyakwamkela kuThotho lweDemokrasi yeKomishoni yoNyulo eZimeleyo. Olu thotho yiseti yamakhadi amane ekulula ukuwaphatha nokuwasebenzisa. Amakhadi azama ukukubonisa ukuba unyulo lukuvumela ukuba wenze into- into ebaluleke kakhulu. Unyulo yinkqubo. Xa abantu bethatha inxaxheba kule nkqubo baba nelizwi okanye babonisa abakudingayo okanye abakufunayo malunga nento.
Ngokukhetha uba nelizwi okanye ubonisa okudingayo okanye okufunayo. Uvakalisa ukhetho lwakho.
Unyulo luqala ngomnye nomnye- ngamanye amazwi ngawe.
Kubalulekile ukuqonda ukuba ukuvota sisenzo esinamandla. Kukwabalulekile ukuba ukuqonde oko ukwenzayo xa uvakalisa ukhetho lwakho. Besingathanda ukuba ucinge malunga nolwazi oza kulufumana kumakhadi. Xa uwafunde onke, uya kuqonda ngokucacileyo indlela obaluleke ngayo kwidemokrasi efana neyaseMzantsi Afrika.
Sikucelile kula makhadi ukuba uqale ngokuzikhangela/ngokuzivavanya xa nibabini, nilusapho, ningumbutho okanye niluluntu. Ukususela apho uya kujonga kuMzantsi Afrika. Sikunceda ukuba uqonde okokuba ufaneleke kweziphi izakhiwo ezifana namacandelo, oomasipala , iphondo kunye nelizwe lakho uMzantsi Afrika. Xa uthe wakwenza oko uya kube ukulungela ukucinga malunga nalapho ufaneleke khona kwilizwekazi i-Afrika, kwiHlabathi nakwiNdalo jikelele.
Sikholelwa ukuba oku kuya kukunceda ukuba ulubone ngenye indlela unyulo eMzantsi Afrika. Sikwakholelwa ukuba xa uthe wawasebenzisa onke amakhadi uya kuba nakho ukucinga kwakho ngokhetho lwakho lokuthatha inxaxheba kunyulo okanye ukungayithabathi.
Amakhadi amane aqulethe ezi ntloko:
Abameli, ukwenza zigqibo nokuvota
Ipolitiki nonyulo
Unyulo lukarhulumente wasekhaya
Siyathemba ukuba uya kukonwabela ukufunda ezi ntloko. Sizame ukukunika ulwazi olubaluleke kakhulu malunga nezi ntloko, kodwa asizamanga kuquka yonke into ngazo. Sikhethe indlela ethile yokucinga. Akupheleli kuyo, koko sikholelwa ukuba yindlela eluncedo yokuqwalasela imimandla yolwazi eyenza umahluko omkhulu kubomi bakho.
ICandelo leMfundo noPhuhliso lweDemokrasi yoNyulo
Into onokucinga malunga nayo!
Sonke sifuna ukuba nelizwi ekwenziweni kwezigqibo eziphembelela/ezichukumisa ubomi bethu. Sifuna ukuba yinxalenye yenkqubo. Abantu abathandi ukubona kukho omnye umntu owongamele ubomi babo. Asithandi xa abanye abantu besithathela izigqibo eziphembelela ubomi bethu, kwaye singazi nto ngazo. Uninzi lwethu lufuna ukuzibandakanya kwinkqubo. Kukho abantu abathi abafuni kuzibandakanya, kodwa ethubeni kubomi babo kubakho into' ethi qatha' ezingqondweni zabo baze baqalise ukuzibuza, " Bendiphi xa bekusenziwa isigqibo?"
Kwidemokrasi izigqibo zenziwa ngumntu WONKE othe wachukunyiswa ngokuthe ngqo okanye ngokumayana. Qaphela ukuba sigxininise "WONKE". Sikwenzele oku ukugxininisa indlela omnye nomnye umntu abaluleke ngayo!
Kodwa kungani omnye nomnye ebaluleke kangaka?
Impendulo ilula kangangokuba akunakuyicinga: Kukuba uyaphila! Ungumntu! Unguye! Uyaphila! Unelungelo loko.
Yintoni ilungelo? Ilungelo yinto ongayibanga. Ilungelo lilungelo. Amalungelo oluntu ngamalungelo onokuthi uwabange kuba ungumntu. Unelungelo kuwo kuba ungumntu. Isiqinisekiso sinye kuphela kukuba uyaphila. Akukho mfuneko yokuba ube ufundile okanye usisityebi. Kungeyiyo nemfuneko yokuba uhlala kwindawo ethile yehlabathi. Akuyomfuneko ukuba ube nebala elithile.
Unamalungelo kuba ungumntu- akukhathaliseki nokokuba " ungumntu onjani" uchazwa njani. Izizwe ezisehlabathini eziphantsi kombutho weZizwe Ezimanyeneyo zavumelana ngamalungelo asisiseko abantu kwiminyaka emininzi eyadlulayo ngowe- 1958.
Ingaba ucinga ukuba kukho into ekubambayo? Ewe ikho: Ilungelo ngalinye olubangayo lihamba nomsebenzi ongqinelana nalo kunye/okanye nemfanelo! Kufuneka ufumene into, kodwa kufuneka unikezele ngento.
Yintoni osele ufumanise ngayo malunga nedemokrasi?
Idemokrasi yinkqubo esiyisebenzisa ekwenzeni izigqibo ezithathwa nguye WONKE ubani ochukunyiswa zizigqibo ngokuthe ngqo okanye ngokumayana. Inkqubo ibonakala ngolu hlobo:
Ubuncinane iqulathe la manyathelo alandelayo :
Xa uthe wachukuyiswa sisigqibo esiza kwenziwa, uyakwazi okudingayo, okufunayo okunqwenelayo nokulangazelelayo .
Unomsebenzi okanye imfanelo yokuxela okanye yokwazisa oko ukudingayo, ukufunayo, ukunqwenelayo okanye ukulangazelelayo kwabanye abantu abachukunyisiweyo nabo sisigqibo esiza kwenziwa.
Bonke abantu abachukunyiswe sisigqibo kufuneka bajonge kwaye bavavanye izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo abakwazisileyo. Ningahlola kunye ZONKE iinketho zabo okanye okulindelekileyo.
Ningagqiba ukuba niza kwenza ntoni. Ngamanye amazwi nigqiba ngendlela yokwenza.
Nonke nivumelana ngendlela yokwenza. Namkela indlela yokwenza.
Ekugqibeleni niyayizalisekisa. Nenza oko nivumelene ngako
Buyela kwinyathelo lokuqala:
Buyela njalo kwinyathelo lokuqala kuba izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo ziyaguquka. Abantu bayakhula kwaye bayaphuhla. Ngoko soloko kukho ithuba lenguquko nokukhula! Ngalo lonke ixesha buyela kwinyathelo lokuqala kuba kufuneka ugqibe ukuba izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo zakho ziguquke kangangokuba kufuneka uzive wahlukile ngokuphathelele kwindlela yokwenza oyamkeleyo.
Ukuba ngaba izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo lwakho ziguquke kakhulu kufuneka uhambe ngamanyathelo kwakho.
Njengoko ubona idemokrasi ngumsebenzi onzima kakhulu. Sisoloko sihendwa kukuthatha indlela emfutshane kwaye sisithi, " Masixelela wonke ubani enze oko sikutshoyo!" Kodwa khawucinge malunga noku. Kunexabiso ukwenza loo msebenzi unzima ukuba ekugqibeleni ungabona izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo lwakho ziyinxalenye yenkqubo! Ungavumelana?
Kutheni kubalulekile ukuqikelela isidingo, imfuno, umnqweno okanye ulangazelelo?
Unelungelo- nomsebenzi - wokuzigcina. Akukho namnye owazi ngcono ngezidingo zakho, ngeemfuno, ngeminqweno nangolangazelelo kunawe! Ewe ngoko, unelungelo lokubakho kulo mhlaba kwaye unelungelo lokuba ngumntu obalaseleyo! Kodwa kufuneka ugqibe ekubeni "ukubalasela" kunantsingiseloni kuwe! Ingaba ayiyongcinga enika umdla le?
Amalungelo abantwana
Phambi kokuba sibheke phambili sifuna ukwenza ingongoma ebalulekileyo malunga nabantu ababalulekileyo ababizwa ngokuba ngabantwana. Kumazwe amaninzi wonke ubani ongaphantsi kweminyaka eli-18 ubudala ubonwa njengomntwana. IMvumelwano yamaLungelo abaNtwana ikhusela amalungelo abantwana.Imvumelwano ichaza oku kulandelayo:
Abantu abadala banemfanelo yokuthathela abantwana izigqibo.
Abantu abadala kufuneka bathathe izigqibo " ezikhathalele ukulunga komntwana".
Abantu abadala kufuneka babakhokele kwaye babalawule abantwana babo ngendlela abathi babe nobuchule bokwenza.
Ingaba oku kuthetha ntoni? Kuthetha ukuba xa abantwana bebadala ngokwaneleyo besenze iingcamango ngezinto ezibachukumisayo kufuneka abantu abadala babavumele ukuba bavakalise iingcamango zabo. Abantu abadala kufuneka bazithathele ingqalelo iingcamango zabantwana xa bebathathela izigqibo. Njengokuba abantwana besiba badala kwaye befikelela ebudaleni kufuneka abantu abadala bathathe iingcamango zabo ngokuzimiseleyo.
Ngamanye amazwi akufuneki ukuba abantu abadala babanyanzele abantwana benze ezo zinto abafuna bazenze nokokuba abantwana badinga ntoni, bafuna, banqwenela okanye balangazelela ntoni. Endaweni yoko kufuneka abantu abadala babafundise indlela yokuthatha izigqibo eziya kubenza babe ngabantu ababalaseleyo, izigqibo eziya kuba negalelo kukubalasela kwabantu bonke. Abantwana "asibantwana" babantu abadala. Abantu abadala banomsebenzi wokubafundisa ukuba " kucingwa NJANI, kungabi kukucinga NTONI. Banomsebenzi bokubakhulisa ngendlela eya kwenza babe ngabantu abazimeleyo abakwamkelayo ukuba nabanye abantu banamalungelo afanayo njengoko bephila.
Idemokrasi namalungelo oluntu zihamba kunye
Ukuba ngaba umhlaba ngowabantu bonke, yimfanelo yabo ukuba bokonwaba kwaye baneliseke. Yeyiphi indlela eyiyo yokuvakalisa izidingo, iimfuno, umnqweno nolangazelelo ngendlela eyakhayo kwaye engakhathazi abanye?
Xa ngaba isigqibo sichukumisa abantu abambalwa kuphela, abo bantu baya kuzenzela izigqibo. Baya kwenza izigqibo ngokuthe ngqo. Xa izigqibo zichukumisa iqela labantu okanye amaqela amaninzi abantu kulula kwaye kuyakhawuleza ukuvumela abameli ukuba benze izigqibo.ummeli ngumntu omkhethileyo ukuba enze isigqibo okanye enze isenzo egameni lakho. Xa unommeli uthatha inxaxheba ekuthatheni isigqibo ngokumayana.
Ingaba ubakhetha njani aba bameli? Okokuqala kufuneka sibuze " ngumntu onjani okanye iqela endilithandayo kwaye endilithembileyo ukuba limele izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo?" Ngoko kufuneka sizilungiselele kwaye sivotele abameli. Ukuvota yindlela yokuvakalisa isidingo, imfuno, umnqweno nolangazelelo.
Umbuzo olandelayo " Sivota njani? Ithini inkqubo?" Impendulo ixhomekeke kubukhulu beqela nokokuba bangaphi abameli abafunwa ukukhethwa ngabantiu. Ukuba iqela lincinane kwaye abantu bafuna ummeli omnye bangagqiba ngokuvakalisa iinketho zabo ngokuphakamisa izandla ekukhetheni loo mntu bamfunayo.
Kwikhadi elilandelayo sinike iinkcukacha ezinzulu kubameli, kukuthatha isigqibo nokuvota Hlala kunye nathi!
Z-iKhadi 2: Abameli, ukuthatha isigqibo nokuvota
Kolu hlobo lwedmokrasi bambalwa kuphela abaninini. Masithi ababini benu abafuna ukwenza isigqibo esifana " Yintoni esifuna ukuyenza ngoMgqibelo?" isigqibo sichukumisa nina nobabini kwaye nobabini kufuneka nithabathe inxaxheba kwinkqubo yokwenza isigqibo. Kubalulekile ukuba nithathe ixesha ekuhloleni nzulu zonke iinketho zenu. Abantu basoloko bengxamile ekwenzeni oku kwaye baphela besenza izinto ebebengafuni ukuzenza.
Kolu hlobo kudla ngokubakho abantu abaninzi abafuna ukuthatha inxaxheba ekwenzeni isigqibo. Ukwenza kube lula ngakumbi isigqibo senziwa egameni lakho ngabameli abakhethiweyo. Oku kubizwa ngokuba kukuthatha inxaxheba mayana okanye idemokrasi yamayana. Kwidemokrasi yamayana kungathathwa inxaxheba okanye kumelwe.
Ukuza kuthi ga sijonge kwindlela elula yokuqonda ukuba yintoni idemokrasi. Sikubonisile ukuba amalungelo ethu oluntu asivumela ukuba sithathe inxaxheba kwinkqubo ngezigqibo ezenziweyo. Sichazile kwakho ukuba xa uthatha inxaxheba ekwenzeni izigqibo mayana usebenzisa abameli abenza izigqibo egameni lakho.
Wena nommeli wakho
Xa ukhetha ummeli ukuba enze izigqibo egameni lakho kufuneka kuqala uqinisekise ukuba wena nommeli wakho niyaluqonda uhlobo lolwalamano eniya kuba nalo. Kufuneka ubuze imibuzo endilisekileyo kwaye le mibuzo kufuneka iphendulwe ngokuphandle nangentembeko.
Wena nommeli wakho kufuneka niqonde kwaye nivumelane malunga nokuya kwenzeka xa omnye wenu ophule isithembiso okanye imvumelwano. Kufuneka wazi ukuba kuya kwenzeka ntoni ukuba ummeli wakho akenzanga oko ubumcele ukuba makakwenze okanye akakwenzanga ngokufanelekileyo. Ningayilungisa le mibandela ngokulandela amanyathelo enkqubo amathandathu esithethe ngako kwiKhadi loku-1.
Kutheni sifuna ukumelwa ?
Ngoku masiye kwingcinga esisiseko yokumelwa. Thelekelela ukuba ungomnye wabantu abaninzi abachukunyiswe sisigqibo ekufuneka senziwe. Uyidlalile indima yakho yokulungela ukuthatha inxaxheba: uyazi ukuba udinga ntoni, ufuna, unqwenela okanye ulangazelela ntoni.
Kodwa ukuba nonke nizama ukwenza isigqibo oko kuya kuthatha ixesha elide. Inkqubo iya kuphazamiseka okanye mhlawumbi kube sisiphithiphithi. Ngoku nenza ntoni? Nizama ukuyenza lula. Nigqiba ekubeni nikhethe umntu okanye iqela eliya kumela isidingo esithile, imfuno, umqweno okanye ulangazelelo.
Ingaba ukumelwa kubandakanya ntoni?
Ngoko kufuneka ucinge: Uza kujonga ntoni kumntu okanye iqela elikumeleyo? Ingaba lo mntu okanye eli qela liza kwazi njani ukuba udinga ntoni kwaye ufuna ntoni ngomso, ngeveki elndelayo okanye kunyaka olandelayo?
Koku kulandelayo singabona ukuba izinto ezithile kufuneka zenziwe.
Kufuneka ukhethe umntu okanye iqela eliya kukumela.
Omabini amacala (wena nommeli) kuya kufuneka evumelane ngendlela eya kuqinisekisa ukuba okulindelwe kwicala ngalinye kufezekisiwe.
Uya kugqiba kwakho ukuba ukuhlola njani kwaye ukuvavanya njani okwenziwe ngumntu okanye iqela olikhethileyo.
Ngoko uqalisa ngokunika ummeli wakho igunya lokwenza izigqibo egameni lakho. Oku kubizwa ngokuba ngumyalelo/igunya. Kodwa kuya kufuneka kwakho nivumelane ukuba niya kuqhubekeka njani ukuqinisekisa ukuba ummeli wakho usebenzisa umyalelo ngokufanelekileyo ngendlela ekulindeleke ukuba enze ngayo
Oku kuthetha ukuba kufuneka unolwazi malunga neendidi ezahlukeneyo zokumelwa. Siza kuthetha ngeendidi ezimbini: idemokrasi yokumelwa nedemokrasi yokuthatha inxaxheba.
Umahluko phakathi kwedemokrasi yokuthatha inxaxheba neyokumelwa
Ngokuphathelele kukumelwa okusekelwe kwidemokrasi yokuthatha inxaxheba ukuqondana phakathi kwala macala mabini kubonakala ngolu hlobo:
Sikunika igunya lokwenza izigqibo egameni lethu. Izigqibo zakho ziya kuba nempembelelo kuthi ngokuthe ngqo kodwa sikholelwa ukuba uthembekile kwaye siyakuthemba ukuba awusayi kwenza izigqibo eziya kusifaka engozini. Silindele ukuba ucebisane nathi ngamaxesha onke usenza isigqibo esiya kusichukumisa. Ukuba asanelisekanga sisigqibo osenze egameni lethu singakhetha ukunika omnye igunya lethu.
Yintoni eyona ibalulekileyo kulo myalelo? Kukuba ukuziphatha kokumelwa kwemihla ngemihla kuchaziwe. Kwidemokrasi yokuthatha inxaxheba abameli basebenzisana kakhulu nabantu ababameleyo ekwenzeni izigqibo zemihla ngemihla.
Sikunika igunya lokwenza izigqibo egameni lethu. Izigqibo zakho ziya kuba nempembelelo kuthi ngokuthe ngqo kodwa sikholelwa ukuba uthembekile kwaye siyakuthemba ukuba awusayi kwenza izigqibo eziya kusifaka engozini. Silindele ukuba uqondisisane kunye nathi qho kwiminyaka emibini. Ukuba asanelisekanga sisigqibo osenze egameni lethu singakhetha ukunika omnye igunya lethu".
Kule meko abantu abamelweyo ababandakanyeki ngokukhutheleyo ekwenzeni izgqibo zemihla ngemihla. Kule meko umyalelo wenziwa mtsha qho kwiminyaka emibini. Kodwa ixesha lingalifutshane kangangoko ukuba la macala mabini akhetha ukwenza njalo kwaye anqwenela oko.
Yintoni ekufuneka iqukiwe kumyalelo/kwigunya?
Imiyalelo emibini oyibonileyo ilula kakhulu kodwa yomibini ithetha ngentembeko nokuthembakala. Yomibini ibonisa intlonipho yezidingo zabantu zokugqiba ukuba kwenzeka ntoni kubo nakuluntu lwabo.
Umyalelo kufuneka uchaze ngokucacileyo ukuba kuya kwenzeka ntoni xa izinto zingahambanga ngendlela ibiyiliwe.
Umyalelo/igunya kufuneka ucacise indlela aya kuthi la macala mabini aqinisekise ngayo ukuba izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo lwecala ngalinye ziyafezekiswa kwixesha elizayo njengoko ziguquka kwaye zivela. Ok ayikokuphela kwebali! Kodwa kusekelwe kumqathango wokuba abantu bangagqiba ngokwenzeka kubo. Sinemfanelo yokukhusela eli lungelo.
Siyathemba ukuba ngoku wazi ngcono ngeendidi ezahlukeneyo zedemokrasi nangendidi ezahlukeneyo zokumelwa. Sikwathemba ukuba uyaqonda ukuba idemokrasi ithetha ukuba kufuneka sazi okwenzeka kwihlabathi lethu. Idemokrasi ayithethi ngakuvota kuphela. Ingaphezulu kukuvota.
Kufuneka songamele oko kwenzekayo, sivavanye oko kwenziwa ngabameli bethu.
Kufuneka thina nabameli bethu sizimele izenzo zethu.
Emva kwexesha kufuneka sihlole igunya esilinike abameli bethu kwaye sigqibe ukuba siza kuluhlaziya.
Ingaba sikwenze wacinga? Bambelela njalo kwaye uhlalele isiqendu esilandelayo!
Z-iKhadi 3: Ipolitiki nonyulo
Sele ubonile ukuba ukwenza inkqubo yokwenza isigqibo sedemokrasi asiyonto inzima. Kodwa xa uzama ukuba inkqubo isebenze kubakho izinto ezininzi ezivelayo . kulapho kuqalisa ukuba nzima!
Masiphinde sityelele inkqubo :
Inyathelo 1: Xa uthe wachukunyiswa sisigqibo esiza kwenziwa uyazazi izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo lwakho.
Inyathelo 2: Unomsebenzi okanye imfanelo yokuxela okanye ukwazisa oko ukudingayo, ukufunayo, ukunqwenelayo okanye okulangazelelayo kwabanye abantu abachukunyisiweyo nabo sisigqibo esiza kwenziwa.
Inyathelo 3: Bonke abantu abachukunyiswe sisigqibo kufuneka bajonge kwaye bavavanye izidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo abazazisileyo. Bekunye bangahlola ZONKE iinketho okanye okulindelweyo.
Inyathelo 4: Ngoku ningagqiba ukuba niza kwenza ntoni. Ngamanye amazwi nigqiba ngendlela yokwenza.
Inyathelo 5: Nonke nivmelana ngendlela yokwenza. Namkela indlela yokwenza.
Inyathelo 6: Ekugqibeleni uyayizalisekisa.. Wenze oko uvume ukuba uza kwenza.
Buyela kwinyathelo lokuqala ngalo lonke ixesha izidingo zakho, iimfuno, iminqweno nolangazelelo ziguquka!
Inyathelo lokuqala lwenkqubo lubonakala lulula ude ube uyayeka kwaye ucinge ngalo. Funda " ukuthetha nawe" ukuze wazi ukuba isidingo, imfuno, umqweno nolangazelelo zingenzeka. Kodwa ke nguwe kuphela. Cinga ngokunokwenzeka xa ufikelele ngaphaya kwakho. Kungaba kukunyuka intaba!
Okona sikutshoyo kukuba ukuba sifuna idemokrasi yethu isebenze xa sisonke kufuneka siyamkele into yokokuba sinomsebenzi wokuzilawula. Kwaye kufuneka senze loo msebenzi.
Omnye nomnye sisakhiwo soluntu
Inxalenye encinane yesakhiwo soluntu ngulowo nalowo.cinga ngomnye nomnye njengesitena kwisakhiwo esikhulu kakhulu esinzima. Esi sitena senza iphatheni kunye nezinye izitena ize ekugqibeleni senze udonga. Ngaphandle kolu donga akusayi kubakho sakhiwo. Ngamanye amazwi sithi ingulowo nalowo ubalulekile kwisakhiwo salo naluphi uluntu.
Yintoni enye equlathwe luluntu? Siza kuzama ukuphendula lo mbuzo ngokuqala sijonge " izinto" zoluntu. Ezi zibizwa ngokuba "amalungu oluntu"
Amalungu oluntu
Abanye ngabanye bayahlangana babe zizibini - umzekelo abahlobo. Benza iintsapho- zonke iindidi zeentsapho. Iintsapho zenza imibutho ize imibutho yenze uluntu. Kuhambeka njalo side sibe namazwe kunye namazwekazi! Konke kuqala ngomnye nomnye kwaye ukuba omnye nomnye akonwabanga kuluntu okanye akazi iinqobo zabo ezisemgangathweni ilizwe liya kuba yindawo ekungonwatywanga kuyo!
Nangona singabanye ngabanye sisoloko sinqumbene. Ukhe wayiva intetho ethi, " akukho mntu uyedwa" . Akukho namnye oyedwa. Naxa usenza izinto ngokwakho kufuneka uthathelel ingqalelo abanye abantu. Ungacula ingonyana okanye uqhube imoto yakho kwicala elingalunganga ukuba uyathanda. Kodwa kufuneka ulindele ukuba kukho abantu abangazukuvuma kwaye ungazibona usengxakini ngokuphathelele kumthetho. Oku kubonisa ukuba njengabanye ngabanye siseyinxalenye yeqela.
Masiyeke sandule sicinge ngenyathelo lesi-2 kwinkqubo. Kufuneka wazise/unxibelelane isidingo, imfuno, umnqweno okanye ulangazelelo. Yandula uye kwinyathelo lesi-3 nelesi-4. Yintoni ekufuneka uyiqondile ukuze uqhubeke ngempumelelo nala manyathelo?
Mhlawumbi uyaye uqaphele ukuba ngamanye amaxesha xa useqeleni kwaye uzama ukuvakalisa ingcamango yakho ( mhlawumbi oko ukudingayo okanye ukufunayo) kuba nzima ukuba kuviwe ilizwi lakho. Mhlawumbi uvela kwiimeko ezinjalo apho " imicimbi" yakho ingakhange ilungiswe. Ingaba kwenzeka ntoni kwezi meko?
Kulapho sijonga ipolotiki negunya.
Ipolitiki negunya
Omnye nomnye unegunya. Le yingxelo elula kodwa ibalulekile. Umntu ngamnye unegunya. Sinegunya kuba siyaphila, singakhetha kwaye nangezinye izizathu ezininzi. Njengomnye nomnye ungabambelela kwigunya lakho. Ungakhetha ngokunikezela ngegunya lakho komnye umntu okanye kwiqela labantu. Ungabanika igunya lakho ukuba balizebenzise kuwe okanye balisebenzise kunye nawe.
Ukudibanisa igunya lomnye nomnye
Ukudibanisa igunya omnye nomnye" kunento yokwenza nokwakha amaqela oluntu Xa abantu ' bedibanisa" into, bahlanganisa abanako baze bakusebenzise kunye ukuze bakwazi ukuphumelela injongo ethile. Koko kwenziwa ngabantu xa benomgalelo stokvel okanye umbutho wokonga- badibanisa imali yabo. Sikwenza oku xa sibona ukuba abaninzi banamandla kunomnye.
Ukuba sifuna ukudibanisa igunya lomnye nomnye ngempumelelo kufuneka sifune abanye abantu abasele benezidingo, iimfuno, iminqweno nolangazelelo olufana nolwethu. Inye inketho kukuqionisekisa ukuba abanye abantu bafuna kwaye badinga oko sikudingayo nesikufunayo. Ngenxa yoko kufuneka uguqule izidingo neemfuno zakho, okanye uqinisekise abanye abantu ukuba baguqule izidingo neemfuno zabo. Le yinto eyamkelekileyo ukuba yenziwe kwidemokrasi.
Kukho enye indlela yesibini. Ungazama ukubanyanzela abantu ukuba baguqule izidingo neemfuno zabo. ungasebenzisa izisongelo, ukuboyikisa ukuba uza kubhengeza iimfihlo zabo nesoyikiso.
Igunya lembumba
Nokokuba ukhetha indlela yokuqala okanye yesibini oko ukwenzayo kukuyila umanyano olubizwa ngokuba ligunya lembumba. Umbutho webhola yomnyazi ligunya lembumba elenziwe ngabantu ababelana ngomdla kwibhola yomnyazi. Umbutho wabasebenzi ligunya lembumba elenziwe ngabantu abafuna kulungiswe imibandela yemisebenzi ngokuqukanisiweyo. Amaqela ezopolitiko nawo angamagunya embumba. Amalungu eqela lopolitiko soloko esabelana ngeengcinga ezithile kunye nemiqathango.
Ukusetyenziswa nokwabelana ngegunya kubizwa ngokuba "yipolitiki".
Igunya lembumba lingavakalisa iinketho zalo njengeqela. Ngamanye amazwi bangavota njengeqela. Bangasebenza kunye ukuzalisekisa iinjongo zabo njengeqela. Singabantu boMzantsi Afrika singavota siligunya lembumba. Kukho izinto ezininzi ezisihlanganisayo. UmGaqo-siSeko uthetha ngenye yezinto ezisihlanganisayo. Uthi, "Thina bantu boMzantsi Afrika sikholelwa ukuba uMzantsi Afrika ngowabantu bonke abahlala kuwo, SIMANYENE ekwahlukaneni kwethu".
Unyulo negunya
Ingaba igunya lembumba linanto yakwenzana nantoni nokuvota nonyulo? Inokuba sele uvile xa abantu besithi unyulo ngundoqo weedemokrasi. Ingaba oku kuthetha ntoni? Masijonge:
Sithe amalungu oluntu enziwa ngabantu. Umntu ngamnye kwaba unezidingo neemfuno. Xa kukho abantu abaninzi kumalungu oluntu, bathatha inxaxheba ekwenzeni izigqibo ngabameli.
Sikwathe inyathelo elinye kwinkqubo yedemokrasi libandakanya ukugqiba ngendlela yokwenza. ( Oku kwenzeka kwinyathelo lesi-4). Kwakho abantu bavuma indlela abaya kuvakalisa ngayo iinketho zabo. Xa uthe wagqiba ukuba usebenzise ummeli ukuba enze izigqibo egameni lakho unika ummeli igunya lakho. Ummeli wakho angasebenzisa elo gunya lilelekho kuwe okanye kunye nawe. Yinketho yakho leyo.
Kuninzi okuqukwayo apha, ngoko kufuneka ulawule konke. Ufuna ngoko izixokelelwano neenkqubo.
Izixokelelwano zonyulo
Xa abantu bevakalisa inketho yabo malunga nezigqibo eziya kuchukmisa ubukho boluntu oluninzi okanye oluntsonkothileyo bafuna izixokelelwano zonyulo ukubanceda ukuba balawule indlela yokuvakalisa inketho yabo.
Umzekelo ungavuma ukuba wonke ubani uya kwamkela isigqibo esifumene iivoti ezininzi. Oku kubizwa ngokuba sisixokelelwano sesininzi kuba isigqibosenziwe ngabantu abaninzi. Nabantu abavotele enye into eyahlukileyo kufuneka bamkele okugqituywe sisininzi.
Ukuba uvuma ukuyenza ngenye indlela isixokelelwano siba sisixokelelwano segcuntswana. Unganesixokelelwano sokuhlangabezana apho isigqibo sesininzi sithi samkelwe kodwa izidingo neemfuno zegcuntswana ziya kuthathelwa ingqalelo.
Xa ukhethe ummeli ungavuma ukuba umntu ofumene iivoti ezininzi nguye ophumeleleyo. Esi sixokelelwano sibizwa ngokuba ophumeleleyo- uthatha -konke okanye isixokelelwano sokuqala-udlule- indawo. Esi eneneni sisixokelelwano sesininzi. Umntu ofumene iivoti ezininzi uba ngummeli aze andule afumane umyalelo/igunya kwisininzi.indawo.
Amanye amaqela akazithandi ezi zixokelelwano. Abantu abasemaqeleni bayaqonda ukuba kukho izidingo neemfuno ezahlukeneyo phakathi kwabo. Bafuna indlela yokugcina ukwahlukana phakathi kwabo. Bangasebenzisa isixokelelwano esibizwa ngokuba kukumela ukwalameneyo.
Kule meko kufuneka kuqala uqikelele ukuba bangaphi abameli onqwenela ukuba bamele iqela. Uqikelela kwakho ukuba bangaphi abantu abafuna into enye, bangaph abafuna into engenye kwaye bebangaphi abafuna into eyahlukileyo, njl,njl. wahlula amaqela ngokwezi ndidi uze wenze ulalamano lweqela ngalinye kwiqela elipheleleyo. Umzekelo:
Inani elipheleleyo lweqela = 100%
Abo bafuna X = 50%
Abo bafuna Y = 30%
Abo bafuna Z = 20%
Ngoku uqikelela ukuba iqela ngalinye liya kuba nabameli abangaphi. Iqela elifuna u-X liya kufumana ama- 50% zabameli. Iqela elifuna u-Y liya kufumana ama-30% abameli, ize iqela elifuna u- Z lifumane ama- 20% abameli. Ngamanye amazwi abo banegunya lembumba elikhulu kakhulu bafumana ukumelwa okukhulu. Abo banegunya lembumba elincinanana bafumana abameli abancinane.
Ukumelwa okwalameneyo sisixokelelwano esikhuthaza ukwahlukana.
Khange sithethe malunga nokuba noncedo nokungabi nancedo kwezi zixokelelwano, kodwa sithemba ukuba sikuchazele ngokwaneleyo ukuze ubone ukuba ukuvakalisa ukhetho lomnye nomnye lubaluleke kakhulu. Ivoti yakho iyabala! Ungayenza ibale xa unokuthatha inxaxheba.
Iinkqubo zonyulo
Xa uthe wavuma kwisixokelelwano kufuneka ukhethe ukuba ngubani oya kulawula isixokelelwano - umgwebi. Kufuneka kuyilwe inkqubo. Umzekelo:
Kufuneka inkqubo ukuthelekelela ubukhulu beqela labantu abaya kuchukunyiswa sisigqibo. Ngoobani? Ubafumana phi? Ubafumana njani?
Ufuna inkqubo ukuze abantu babe nokuchaza ukuba bachukumisekile.
Kufuneka iinkqubo ezicacisa indlela abaya kubonisa ngayo ukhetho lwabo, indlela oya kubala ngayo ukhetho nendlela oya kugqiba ngayo ukuba ubalo luthetha ntoni. Kufuneka iinkqubo ukuze ukwazi ukwazisa abantu ngeziphumo.
EMzantsi Afrika unyulo lwesizwe, lwamaphondo nolwasekhaya lwenziwa yiKomishoni yoNyulo eZimeleyo -i-IEC. I-IEC indlala indima yokuba ngumgwebi kwabo bantu kunye namaqela opolitiko azigqatsela elunyulweni. I-IEC yenza iinkqubo ezinceda ilizwe lonke ukuba lithathe inxaxheba ekukhetheni abameli. I-IEC ibhalisa amaqela ezopolitiko kwaye iqinisekisa ukuba ilelo iqela linemiqondiso eyahlukileyo yokulichonga. I- IEC ikwabhalisa nabantu abafuna ukuzigqatsela elunyulweni. Aba babizwa ngokuba ngabagqatswa. I- IEC ayigqibi ngesixokelelwano sokukhetha koko ilawula indlela esisebenza ngayo isixokelelwano xa sithe saba sendaweni.
Kwikhadi elilandelayo nelokugqibela sijonge kurhulumente wasekhaya nendlela idemokrasi yokuthatha inxaxheba esebenza ngayo eMzantsi Afrika. Hlala kunye nathi kule nxalenye yokugqibela!
Z-iKhadi 4: Unyulo lukarhulumente wasekhaya
Kweli khadi sijonge uMzantsi Afrika njengobukho boluntu. Sijonge ingakumbi urhulumente wasekhaya eMzantsi Afrika.
EMzantsi Afrika siwahlule urhulumente wethu wazizahlulo ezithathu- owesizwe, owamaphondo nowasekhaya. Ezi zahlulo zinxulumene ( jonga emfanekisweni.) isahlulo ngasinye sineemfanelo zaso okanye imisebenzi. Ezinye iimfanelo zabelwa phakathi kwesizwe namaphondo, ezinye phakathi kwamaphondo norhulumente wasekhaya, ekubeni ezinye zisabelwa phakathi kwesizwe norhulumente wasekhaya. Kukho eminye imisebenzi ekwabelwana ngayo zizo zonke izahlulo.Ilungelo lokuphila likhuselwa zizo zonke izahlulo.Ulwalamano phakathi kwezahlulo zikarhulumente lubizwa ngokuba kukuxhomekelelana . Akukho nasinye isahlulo esibalulekileyo kunesinye. Xa zizonke ziqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika lilizwe ledemokrasi eyomeleleyo kwaye ezele ludlamko. Esinye nesinye sinendima eyodwa eyidlalayo.
Umfanekiso:
kwizahlulo zesizwe nezamaphondo idemokrasi yethu yemelweyo. Sikhetha abameli kwelinye lamaqela ezopolitiko ukuba benze izigqibo ezisichukumisayo. Sinethuba lokujonga kweli gunya/umyalelo njalo kwiminyaka emihlanu.
Kwisahlulo sikarhulumente wasekhaya sinedemokrasi yokuthatha inxaxheba. Kukho iindlela ezininzi ezikhoyo ukuqinisekisa ukuba abameli bakho kurhulumente wasekhaya basebenza kunye nawe kuyo yonke inkqubo yokwenza izigqibo. Indlela esikhuthele ngayo ekuthatheni inxaxheba ekwenziweni kwezigqibo kunempembelelo enkulu kwindlela esibuva ngayo bomi bethu.
Sinabantu abamalunga nezigidi ezingama- 45 abahlala eMzantsi Afrika. Asinakuthatha inxaxheba ngokuthe ngqo sonke ekwenzeni izigqibo kwisahlulo sesizwe okanye samaphondo. Kwezi zahlulo zikarhulumente inketho engcono kukuba sithathe inxaxheba ngabameli. Kwisahlulo sikarhulumente wasekhaya idemokrasi yethu yeyokuthatha inxaxheba. Kodwa kungani ungathathi inxaxheba kurhulumente wasekhaya? Kutheni ukhathala?
Iimfanelo zikarhulumente wasekhaya
Urhulumente wasekhayaunemfanelo yokunikezela ngeenkonzo kuluntu lwasekhaya. Oku kuthetha ukuba urhulumente wasekhaya kufuneka aqinisekise ukuba abantu kuluntu lwasekhaya beneenkonzo ezisisiseko.
Urhulumente wasekhaya wenziwe ngoomasipala. Umasipala ulawulwa lubhunga. Ibhunga liqulethe amalungu ebhunga anyuliweyo kunye namagosa aseburhulumenteni abathi bahlangane baxoxe ngoyilo lokunikezelwa ngeenkonzo kwingingqi yabo. Amalungu ebhunga enza imigaqo kunye noyilo ukubonelela ngeenkonzo. Amagosa kufuneka anikezele ngeenkonzo ebantwini. Kukho iintlobo ezahlukeneyo zamagosa. Isenokuba ngabongikazi, ngababhali-mali, ngoonobhala, abathuthi benkunkuma njalo njalo. Amalungu ebhunga ayonyulwa ( ngabameli babantu). Amagosa aseburhulumenteni ayaqeshwa njengaye nawuphi umsebenzi.
Zeziphi iinkonzo eezisisiseko ekufuneka urhulumente wasekhaya ezinikezele? Nantsi eminye yemizekelo:
Amanzi nombane
Ukuthuthwa kwenkunkuma
Ukususwa kwamanzi amdaka
Ukwakha nokugcina iindlela zikamasipala
Ukulawula iinkonzo zothutho zikamasipala
Ukuqhuba iinkonzo zempilo zikamasipala
Ukugcina izikhululo zomlilo, iimarike, izilarha, kunye namangcwaba
Ukuphucula ukhenketho
Ukuba ucinge ngenye yezi nkonzo uya kubona ukuba injongo karhulumente wasekhaya kukubonelela ngeenkonzo esizifuna sonke ukuba siphile kwaye sonwabe.
Idemokrasi yokuthatha inxaxheba kurhulumente wasekhaya
Kuba singenakuthatha sonke inxaxheba ngokuthe ngqo ekwenzeni izigqibo ezisichukumisayo sikhetha abameli ukuba basenzele oku kwizahlulo zozithathu zikarhulumente. Kurhulumente wasekhaya abameli bethu ngabantu esibabiza ngokuba ngamalungu ebhubga. Aba bantu kunye namagosa kamasipala basebenza nathi ukuze sanelise izidingo ezisisiseko.
Ingqiqo eMzantsi Afrika kukuba urhulumente wasekhaya usebenzisa idemokrasi yokuthatha inxaxheba. Ungaqonda ukuba kungani : Urhulumente wasekhaya unemfanelo yemicimbi ekuchukumisa yonke imihla. Siyibiza le micimbi njengemicimbi yempilo.
Kusebenza njani oku? Cinga malunga nobukho boluntu obenza umasipala.: omnye nomnye, izibini okanye abatshati, iintsapho, imibutho noluntu. Uluntu lucwwangciswe kumacandelo, kwaye eMzantsi Afrika amacandelo ahlanganiswe kunye ukwenza izithili. Kwizixeko ezikhulu kakhulu zibizwa ngokuba ngooMasipala beziXeko ezikhulu (Metro). Banenani elikhulu kakhulu lamacandelo kodwa azinazo izithili.
Uyithatha njani inxaxheba kurhulumente wasekhaya?
Abanye abantu abahlala eMzantsi Afrika banelungelo lokuvota, ukanti abanye abanalo. Xa uvota uthatha inxaxheba kurhulumente, kodwa nokuba awunakuvota ungayithatha inxaxheba. Oku kuthetha ukuba nokuba akunakuvota kodwa usenomsebenzi wokuqinisekisa ukuba abo bavotayo bayazazi izidingo zakho, iimfuno, iminqweno nolangazelelo.Oku kubalulekile kuba iinketho abazenzayo ziya kukuchukumisa/nempembelelo kuwe. Ngoko kufuneka ufumene indlela yokuqinisekisa ukuba izidingo neemfuno zakho zithathelwa ingqalelo. Kufuneka udlale indima ukuqinisekisa ukuba ummamdla oselizweni lonke uvumela wonke ubani ukuba avakalise iingcamango zakhe ngokukhululekileyo.
Idemokrasi ayipheli xa abantu bevotile. Kufuneka sihleli sigqiba ukuba zeziphi izidingo zethu nokokuba ziyazalisekiswa. Kurhulumente wasekhaya ingcinga yedemokrasi yokuthatha inxaxheba yeyokuba ungayinxalenye yenkqubo yokugqiba ukuba kuza kwenziwa ntoni, phi kwaye njani.
Uyakwenza oku? Okanye unikezele ngegunya lakho kumntu ongamazi nokumazi? Ukuba kunjalo, sinethemba ukuba olu luhlu lukukhuthazile ukuba ucinge ngezenzo zakho kunye neziphumo zezenzo zakho.
Xa uvota wenza uphawu. Wenza ilizwi lakho libalwe! Ivoti yakho inika ummeli weqela igunya lokwenza izigqibo kwimicimbi ebalulekileyo.
Ungenza ntoni ukuze uthathe inxaxheba?
Bhalisa njengomvoti. Qinisekisa ukuba likhona igama lakho kuluHlu lwamagama abaVoti. Eli lisango lokuba yinxalenye yeenkqubo zokwenza izigqibo ezichukumisa ubomi bakho ngoku nakwixesha elizayo.
Imikhwa esiyenzayo ebuncinaneni isisa ebudaleni. Bhalisa uze uvote ngoku. Qiniseka ukuba ngomso xa ungumntu omdala uMzantsi Afrika uya kube uyidemokrasi eluqilima kuangoku.
Ukuba uhlala uvuselelekile, phaphile, kwaye uzibandakanya unalo ilungelo lokubuza ukuba " Ndandiphi xa kwakusenziwa isigqibo ?"
Phembeleleka uze wenze!
Siyabulela ngexesha esabelane ngalo! UMzantsi Afrika ngowakho nawe! Yenza oku ngathi uyakwazi oko!
